2 Kasamweli 18:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. UDavide uwaqokelele onke amadoda omkhosi wakhe, wawahlula-hlula, wawamisela izinxiba-mxhaka eziphethe amajoni aliwaka neziphethe amajoni alikhulu.

2. Emva koko umkhosi uwahlule waba ngamaqela amathathu, elinye liphethwe nguJowabhi, elinye nguAbhishayi umntakwabo-Jowabhi, elinye liphethwe nguItayi waseGati. Ke uDavide wathi kumkhosi wakhe: “Nam ngenkqu ndiza kuphuma kunye nani.”

3. Amadoda omkhosi athi: “Hayi, mhlekazi, mus' ukuya edabini. Akungebi lutho xa utshaba luswantsulisa thina, nokuba kungade kuwe isiqingatha sethu, kodwa ubukho bakho bufana neshumi lamawaka amadoda. Kuhle ke ukuba usale apha esixekweni, uze ukwazi ukusithumela amancedo.”

2 Kasamweli 18