2 Kasamweli 18:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. UDavide uwaqokelele onke amadoda omkhosi wakhe, wawahlula-hlula, wawamisela izinxiba-mxhaka eziphethe amajoni aliwaka neziphethe amajoni alikhulu.

2. Emva koko umkhosi uwahlule waba ngamaqela amathathu, elinye liphethwe nguJowabhi, elinye nguAbhishayi umntakwabo-Jowabhi, elinye liphethwe nguItayi waseGati. Ke uDavide wathi kumkhosi wakhe: “Nam ngenkqu ndiza kuphuma kunye nani.”

2 Kasamweli 18