2 Kasamweli 15:4-11 Ibhayibhile (XHO96)

4. Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.”

5. Kwakusithi kwakufika umntu aze akhahlele, uAbhasalom amthi hlasi ngesandla, amphakamise, amwole, amange.

6. Loo nto wathi rhoqo ukuyenza kuwo onke amaSirayeli awayesiza komkhulu ematyaleni. Waba ke uyaziba iintliziyo zamaSirayeli ngaloo ndlela.

7. Emva kweminyaka emine uAbhasalom ubhekise kukumkani wathi: “Mhlekazi, ndiyakucela ndikhulule ndiye kuzalisekisa isibhambathiso endasenza *kuNdikhoyo eHebron.

8. Kaloku ndandenze isifungo ngokuya ndandisahlala eGeshuri kwelama-Aram, ndathi uNdikhoyo ndiya kumenzela idini xa andibuyisele ekhaya eJerusalem.”

9. Ukumkani wathi kuye: “Hamba ngoxolo.”Wesuka ke wemka uAbhasalom waya eHebron.

10. Kanti wayeshiye ethume oongcothoza kuzo zonke izizwe zakwaSirayeli esithi: “Xa nithe neva umtyangampo wesigodlo, ze nithi: ‘UAbhasalom ungukumkani eHebron!’ ”

11. UAbhasalom wakhatshwa ngamakhulu amabini amadoda ukuya kwakhe eHebron esuka eJerusalem. Ahamba ngesimemo engazi nto wona phofu ngeli yelenqe.

2 Kasamweli 15