1. Emva koko uAbhasalom wazifunela inqwelo namahashe kunye namashumi amahlanu amadoda awankcunkca phambili.
2. Wayedla ngokuvuka ekuseni, aye kuma ngasendleleni eya esangweni lesixeko. Wayedla ngokuthi xa kufika umntu oze nesimangalo komkhulu, ambize, ambuze imvelaphi. Kuthi loo mntu akuba ezilandile echaza isizwe sakwaSirayeli avela kuso,
3. uAbhasalom athi: “Ewe, umthetho uyakungqinela, nomcimbi wakho uyavakala, kodwa ukumkani akanaye umntu ongachophela eli tyala.”
4. Wayeqhubeka athi uAbhasalom: “Akwaba ibindim umntu ochophela amatyala kweli lizwe! Bebeya kuza kum bonke nezimangalo zabo, ndibagwebele kakuhle.”