20. Kambe le nto isicaka sakho uJowabhi uyenze ngeenjongo zokulungisa. Hayi, ndincamile, mhlekazi; ulwazi lwakho lufana nolwesithunywa sikaThixo, sona sazi konke okwenzekayo elizweni.”
21. Emva koko ke ukumkani uDavide ubhekise kuJowabhi wathi: “Kulungile ke, ndiya kukhululela; hamba uye kumlanda laa mfana uAbhasalom.”
22. Waziphosa phantsi ke uJowabhi ekhahlela, edomboza ebulela ukumkani, wenjenje: “Ngoku isicaka sakho siyazi ukuba uyakholiseka siso, mhlekazi nkosi yam, kuba undenzele isicelo sam.”