2 Kasamweli 13:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Wahlupheka uAmnon ngangokude agule ngenxa yodade wabo uTamare, kodwa kwakungekho nto anokuyenza kuye, kuba wayeyintombi engazani nandoda.

3. Phofu kwakukho mfo owayevana noAmnon, owayenguYonadabhi igama; wayengunyana kaShama ongumntakwabo-Davide. UYonadabhi lo wayengumfo onamacebo.

4. UYonadabhi wathi kuAmnon: “Ungunyana kakumkani, kodwa imihla nezolo akukhululekanga; khawutsho, kwenzeke ntoni?”“Hayi, ndifuna uTamare, lo ungudade bomntakwethu uAbhasalom,” utshilo uAmnon.

5. UYonadabhi wathi kuye: “Zenze umntu ongaphilanga, uye kulala. Uze uthi, akufika uyihlo eze kukubona, uthi kuye: ‘Nceda uthumele udade wethu uTamare, eze kundonga. Ndifuna aze kundilungiselela ukutya apha phambi kwam, andityise ngesakhe isandla.’ ”

2 Kasamweli 13