12. UTamare wathi kuye: “Hayi, mnakwethu, musa ukundinyanzela; ayenziwa into enje kwaSirayeli. Musukulenza eli nyala!
13. Khona, mna ndoba yintoni lihlazo lam? Wena kungathiwa usesona sithwangathwanga sakha sakho kwaSirayeli. Ndiyacela ke, thetha nokumkani. Ndiqinisekile uya kuvuma ukundendisela kuwe.”
14. Kodwa akazange afune ukuva uAmnon, waza wamnyanzela, walala naye, kuba wayenamandla kunaye.
15. Emva koko uAmnon wamcaphukela uTamare ngentiyokazi eyaba ngaphezu kothando abenalo kuye ngaphambili. Uvakele selesithi kuye: “Hamba; phum' apha!”
16. “Hayi, andiphumi,” utshilo uTamare. “Yhu, eli hlazo lokundigxotha lingaphezu koqale wandenza lona.”Akayihoyanga yonke loo nto uAmnon,
17. usuke wabiza isicaka sakhe, wathi: “Khupha le ntombazana, imke apha, uze utshixe wakugqiba.”
18. Isicaka samkhupha uTamare, saza satshixa ucango.UTamare wayenxibe isambatho eside esinemikhono emide. Kaloku eso sasisinxibo seentombi ezizalwa komkhulu ngaloo mihla.
19. Wazigalela ngothuthu entloko uTamare, wasikrazula eso sambatho sakhe side, wathwala izandla entloko, wasitsho isikhalo, ebheka ngakowabo.
20. Uvele kweso sithuba umnakwabo uAbhasalom, wathi: “Ukudlwengule umnakwenu uAmnon? Hayi, dade, musa ukuzikhathaza ngale nto. Ligazi lakho kaloku uAmnon; uze ungamxhibi.” Waya kuhlala kwamnakwabo uAbhasalom uTamare, ephila ubomi belolo.
21. Wavutha ngumsindo ukumkani uDavide zakufika kuye ezo ndaba.
22. Yena uAbhasalom wamthiya uAmnon ngenxa yokudlwengula udade wabo, kangangokuba akazange aphinde afune nokuthetha oku naye.
23. Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko.
24. Usuke waya kukumkani uDavide uAbhasalom, wafika wathi: “Mhlekazi, kuyachetywa phaya kwam, ke bendinqwenela ukuba umhlekazi namaphakathi akhe babekho kwitheko eliza kwenziwa.”
25. Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.
26. Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.”Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?”