2 Kasamweli 12:20-31 Ibhayibhile (XHO96)

20. Wavuka ke emhlabeni uDavide, wahlamba. Wathambisa, wanxiba ezinye izambatho, waya kungena endlwini kaNdikhoyo, wanqula. Usuke apho waya endlwini yakhe, wafika wacela into etyiwayo, watya akuba elungiselelwe.

21. Izicaka zakhe zathi: “Mhlekazi, noko ke le uyenzayo asisayiqondi. Ube uzilile, ulila, uyenza loo nto usana lungekabhubhi. Ngoku luswelekileyo usana uyavuka utye nokutya!”

22. Uphendule wathi: “Ewe, bendizila, ndilila ngokuya belusahleli usana, kuba bendisithi: ‘Ngubani owaziyo? Mhlawumbi uNdikhoyo angandenzela inceba, luphile olo sana.’

23. Ngoku ke usana lubhubhile; ke ndiza kuba sazilela ntoni ndingenakuluvusa nje? Ndim oza kuya apho lukhoyo; lona alunakuze luze kum.”

24. Emva koko uDavide waya kuthuthuzela umkakhe uBhashebha, walala naye. Wazala umntwana oyinkwenkwe, wathi igama lakhe nguSolomon. Wayithanda loo nkwenkwana *uNdikhoyo,

25. waza wathumela *umshumayeli uNatan ukuba aye kuthi igama layo nguYedidiya ngenxa yokuthandwa kwayo nguNdikhoyo.

26. Ke kaloku uJowabhi wahlasela iRabha, ikomkhulu lama-Amon, wathimba umzi wakomkhulu.

27. Emva koko uthumele izigidimi ukuba ziye kwazisa uDavide zithi: “Ndiyihlasele iRabha, ndawathimba namadama ayo anqatyisiweyo.

28. Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”

29. Wathatha wonke umkhosi wakhe ke uDavide, waya eRabha, wayihlasela, wayithimba.

30. UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. Wasithweswa eso sithsaba uDavide. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,

31. abemi balapho wabathatha wabafaka emsebenzini wokusarha, nowokumba, nokucanda, abanye besebenza kumaziko okwenza izitena. Wenjenjalo ke nakwabanye abemi bezixeko zama-Amon. Emva koko uDavide wabuyela eJerusalem kunye nomkhosi wakhe wonke.

2 Kasamweli 12