13. UDavide wammema, waza watya wasela kunye naye, wamnxilisa. Kodwa nangobo busuku akazange agoduke u-Uriya, suka yena waya kulala kwindawo yakhe ngakwizicaka zakomkhulu.
14. Kwakusasa ngengomso uDavide wabhalela uJowabhi incwadi, wayithumela kwangoUriya.
15. Udaba lwalusithi: “U-Uriya lowo uze umbeke ngaphambili emsini apho lishushu idabi, nize nihlehle, aze yena angxwelerhwe afe.”
16. Kwathi ke ekusingqingeni kwakhe isixeko uJowabhi, wambeka kwelona cala linamagorha u-Uriya.
17. Waphuma umkhosi esixekweni, walwa nokaJowabhi. Apho kwawa iqela lamajoni omkhosi kaDavide, wafela apho naye u-Uriya umHeti.
18. Emva koko uJowabhi wathumela ingxelo kuDavide malunga nemfazwe,
19. wasiyalela isigidimi wathi: “Xa ugqibayo ukumbalisela ukumkani ngako konke okwenzeke edabini,
20. ngahle abe nomsindo, akubuze athi: ‘Benisondelelani kangaka kwisixeko sotshaba lwethu? Beningaqondi na ukuba zinganidubula ngeentolo zazo zisithele ngodonga?
21. Ngubani na owabulala uAbhimeleki unyana kaJerubhesheti? Akafanga na eTebheze ngokugityiselwa ngumfazi ngelitye lokusila, emi ngaphezu kodonga. Benisondelelani kangaka kudonga lwesixeko?’ Uze ke uthi: ‘Nesicaka sakho u-Uriya umHeti ufile.’ ”
22. Eso sigidimi ke saya kufika kuDavide, safika samxelela wonke loo myalelo kaJowabhi.
23. Wenjenje loo mfo ukuthetha noDavide: “Mhlekazi, ziphumile iintshaba zethu esixekweni, saqubisana endle. Zithande ukusigqwesa, kodwa sazibetha zahlehla zaya kungena ngesango esixekweni.