2 Kasamweli 1:10-17 Ibhayibhile (XHO96)

10. Ndaya ke, ndafika ndamgwaza, kuba ndandiqonda mhlophe ukuba akasokube angafi, ukuba ukhe wawa nje. Emva koko ndamothula esi sithsaba awayesithwele, ndamkhulula nesi sacholo engalweni. Nazi ke, mhlekazi; ndizizisile kuwe!”

11. Wazikrazula izambatho zakhe uDavide, enjenjalo nawo onke amadoda awayekunye naye.

12. Bazila, balila, abatya nokutya oku kwada kwahlwa, belilela uSawule nonyana wakhe uJonatan kunye namaSirayeli, abantu *bakaNdikhoyo, ababewe ngekrele.

13. Emva koko uDavide wabuza loo mfana wayeze nezi ndaba, wathi: “Uvela phi kakade wena, mfana?”“Mna ndingunyana wendoda engumngeneleli, umAmaleki,” uphendule watsho loo mfana.

14. UDavide ke wathi: “Ngani ungoyiki ukuphakamisa isandla sakho ubulale umthanjiswa kaNdikhoyo?”

15. Waza uDavide wabhekisa kwenye yamadodana akhe, wathi: “Bulala le nto!” Loo ndodana ke imgwaze kwangoko umfana lowo, yaphel' intw' ibithethwa.

16. Wavakala uDavide esithi: “Igazi lakho malibe phezu kwentloko yakho. Urhintyelwe kwangulo mlomo wakho xa ubungqina usithi: ‘Ndimbulele umthanjiswa kaNdikhoyo.’ ”

17. Emva koko uDavide wavuma le ngoma, elilela uSawule nonyana wakhe uJonatan.

2 Kasamweli 1