Kambe ke wamsindisa uLothe indoda eyayinembeko. Kaloku elo lunga lomfo lalingonwabanga phakathi kwabo bantu bangakhathalele mthetho, bengaloyiki nehlazo. Ewe, amanyundululu awayewabona, eweva mihla le, ayemngcungcuthekisa.