2. uNdikhoyo wabonakala kuye okwesibini, kanye kwangalaa ndlela wayebonakele ngayo kuye eGibheyon.
3. UNdikhoyo wathetha naye wathi:“Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.
4. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam ngokunyaniseka konke nangentliziyo engagqwidiziyo njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,
5. ndiya kubuzinzisa ubukhosi bakho phezu koSirayeli nanini-nanini njengoko ndathembisayo kuyihlo uDavide ngokuya ndandisithi: ‘Akusoze ungabi nayo indoda yokuhlala kwisihlalo sobukhosi kwaSirayeli.’
6. “Kodwa ukuba nina nokuba ngoonyana benu nisuke nandilahla anayikhathalela imiyalelo nemimiselo endininike yona, naphamba naya kukhonza ninqula *thixo bambi,