19. ndawonye nazo zonke izixeko ezazingoovimba bakhe, nezixeko zeenqwelo kunye nezamahashe akhe, nayo nantoni na awayakhayo eJerusalem naseLebhanon, ukanti nakuwo wonke ummandla awayewulawula.
20. Bonke abantu ababesele kwiintlanga zama-Amori, amaHiti, amaPerezi, amaHivi, namaJebhusi – ezi ntlanga ke zazingengawo amaSirayeli,
21. koko zazisisizukulwana sazo ezingazange zacinywa igama ngamaSirayeli – uSolomon wagaya bona baba libutho labasebenzi abanyanzelwayo, njengoko kusenjalo unanamhla.
22. Kambe ke uSolomon lo amaSirayeli akawafakanga kwibutho labasebenza ngokunyanzelwa, koko wawagayela kumabutho omkhosi, aba zizinxiba-mxhaka kurhulumente wakhe, engamagosa, oomaqhuzu, nababhexeshi beenqwelo, nabakhweli-mahashe.
23. Amanye ke ayengamaphakathi aphambili aphethe imisebenzi kaSolomon, engamagosa angamakhulu amahlanu anamashumi amahlanu awayongamele amadoda awayesenza umsebenzi.