1. Ke kaloku uSolomon wathi akuba egqibile ukwakha indlu *kaNdikhoyo kunye nebhotwe lakhe nako konke oko wafikelela kuko ngokweenjongo zakhe,
2. uNdikhoyo wabonakala kuye okwesibini, kanye kwangalaa ndlela wayebonakele ngayo kuye eGibheyon.
3. UNdikhoyo wathetha naye wathi:“Ndiwuvile umthandazo nezikhungo ozenzileyo kum. Le ndlu uyakhele ukuhlala igama lam ndiyingcwalisile. Amehlo am ohlala kuyo, intliziyo yam ingaze yahlukane nayo.
4. “Ke wena ukuba uthe wahamba phambi kwam ngokunyaniseka konke nangentliziyo engagqwidiziyo njengoyihlo uDavide, xa uthe wakwenza konke endikuyalela kona, wayigqala imimiselo nemithetho yam,