56. “Makabongwe uNdikhoyo obathe jize ngenzolo abantu bakhe amaSirayeli, kanye ngokwesithembiso sakhe. Akukho nalinye ilizwi elifadaleleyo kuzo zonke izithembiso ezilungileyo awazenza ngesicaka sakhe uMosis.
57. Ngamana ke uNdikhoyo uThixo wethu waba nathi kwanjengokuba wayenabo noobawo; ngamana akangesishiyi okanye asilahle.
58. Ngamana waziguqulela kuye iintliziyo zethu, ukuze sihambe ngazo zonke iindlela zakhe, siyigcine imithetho nemimiselo nemiqathango yakhe awayinika oobawo.