1 Yookumkani 7:47-51 Ibhayibhile (XHO96)

47. USolomon zange abulinganise ubunzima bezi zinto, kuba kaloku zazininzi gqitha. Ngoko ke ubunzima bobhedu zange bulinganiswe.

48. Kananjalo uSolomon wazenza zonke iimpahla zendlu kaNdikhoyo:iqonga lamadini legolide;itafile yegolide eyayihlala isonka esinikelwa kuThixo;

49. iziphatho-zibane ezenziwe ngegolide (ezihlanu ngasekunene, ezihlanu ngasekhohlo, zimi phambi kwegumbi eliyingcwele kangcwele);iintyatyambo, izibane, nezitya zokugcina imitya yezibane;

50. izitya zegolide, izikhwezeli-zibane, izitya zokufefa, izitya zesiqhumiso, neepani zamalahle;iihinjisi zegolide zegumbi eliyingcwele kangcwele, nezo zeengcango zegumbi elingaphandle.

51. Uthe ke wakufezeka loo msebenzi uSolomon awayewenzela indlu kaNdikhoyo, wazithatha zonke ezo zinto zazinikezelwe nguyise uDavide – isiliva, igolide, nezinye izinto zokusebenza – waza ke wazifaka koovimba bendlu kaNdikhoyo.

1 Yookumkani 7