7. USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa.
8. Nanga amagama abo:Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;
9. eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;
10. eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;
11. eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;
12. eTanaki, naseMegido, neBhete-shan xa iyonke malunga neZaretan ngezantsi kweYizereli, ukusuka eBhete-shan ukuya eAbhele-mehola ngaphesheya kweYokemeyam, yayinguBhanaya unyana ka-Ahiludi;
13. eRamoti yaseGiliyadi (leyo yimimandla kaJayire unyana kaManase eGiliyadi ngokunjalo nezithili zaseAgobhi eBhashan nezo zixeko zayo zimashumi mathandathu zikhulu kunene zibiyelweyo, ezinamasango nemivalo yobhedu) yayinguBhen-gebhere;
14. eMahanayim yayinguAhinadabhi unyana kaIdo;
15. kwaNafetali yayinguAhimazi umyeni kaBhasemati intombi kaSolomon;