1 Yookumkani 4:5-11 Ibhayibhile (XHO96)

5. uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;

6. uAhisha – umaqhuzu wasebhotwe;uAdoniram unyana ka-Abheda – induna-nkulu yabasebenzi abasebenza ngokunyanzelwa.

7. USolomon ke wayenabalawuli-zithili abalishumi elinambini apho kuSirayeli ephela. Bona ke babexhasa ukumkani nekomkhulu ngokudla. Kunyaka ngamnye isithili sasithatha inyanga yonke sixhasa.

8. Nanga amagama abo:Kumhlaba weenduli zakwaEfrayim yayinguBhen-yuri;

9. eMakaze, eShalabhim, eBhete-shemeshe, nase-Elon-bhete-hanan yayinguBhen-dekere;

10. eArubhati (iSoko nayo yonke imimandla yaseHefere) yayinguBhen-rhesedi;

11. eNafoti-dore yayinguBhen-abhinadabhi, umyeni kaTafati intombi kaSolomon;

1 Yookumkani 4