1 Yookumkani 4:15-20 Ibhayibhile (XHO96)

15. kwaNafetali yayinguAhimazi umyeni kaBhasemati intombi kaSolomon;

16. kwa-Ashere naseAloti yayinguBhayana unyana kaHushayi;

17. kwaIsakare yayinguJoshafati unyana kaParuwa;

18. kwaBhenjamin yayinguShimeyi unyana kaEla;

19. eGiliyadi (kuloo mhlaba kaSihon ukumkani wama-Amori, kunye nomhlaba kaOgi ukumkani waseBhashan) yayinguGebhere unyana kaUri; yena wayeyedwa kweso sithili.

20. Ke kaloku abantu bakwaJuda nabakwaSirayeli babebaninzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle; babonwabile besitya besela.

1 Yookumkani 4