1 Yookumkani 4:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSolomon wayelawula uSirayeli ewonke jikelele.

2. Nazi izinxiba-mxhaka zakhe:UAzariya unyana kaZadoki – umbingeleli;

3. uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;

4. uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;

5. uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;

1 Yookumkani 4