1. Ke kaloku uSolomon wayelawula uSirayeli ewonke jikelele.
2. Nazi izinxiba-mxhaka zakhe:UAzariya unyana kaZadoki – umbingeleli;
3. uElihorefe noAhiya oonyana bakaShisha – oonobhala;uJoshafati unyana ka-Ahiludi – usiba-khulu;
4. uBhenaya unyana kaJoyada – injengele;uZadoki noAbhiyatare – ababingeleli;
5. uAzariya unyana kaNatan – umaqhuzu kubalawuli bezithili;uZabhude unyana kaNatan – umbingeleli nomcebisi kakumkani;