1 Yookumkani 3:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSolomon walamana nokumkani waseJiputa ngokuthatha intombi yakhe. Ke yona yeza kuhlala naye kwisixeko sikaDavide lada lagqitywa ukwakhiwa ibhotwe lakhe, ngokunjalo nendlu *kaNdikhoyo kunye nodonga olujikeleze iJerusalem.

2. Kambe ke bona abantu amadini babesawenzela ezindulini, kuba belingekakhelwa indlu igama likaNdikhoyo ngelo xesha.

3. USolomon ke wabonakalisa ukumthanda uNdikhoyo, kuba wayehamba ngokwemimiselo kayise uDavide, ngaphandle nje kwento yokuba wayesenza amadini neziqhumiso ezindulini.

4. Ukumkani waya eGibheyon, esiya kwenza amadini, kuba leyo yayiyeyona nduli ibalulekileyo, waza ke uSolomon wenza iwaka lamadini atshiswayo apho eqongeni.

1 Yookumkani 3