1. Kwaba yiminyaka emithathu iluxolo phakathi kwamaSirayeli nama-Aram.
2. Kambe ke kulo nyaka wesithathu uYoshafati ukumkani wakwaJuda wehla waya kubonana nokumkani wakwaSirayeli.
3. Ukumkani wakwaSirayeli wayethethe namaphakathi akhe wathi: “Niyaqonda na ukuba iRamoti yaseGiliyadi ngumhlaba wethu, ibe ke asenzi nto ukuzabalazela ukuyithatha kukumkani wama-Aram?”
4. Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”
5. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”
6. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”