1 Yookumkani 22:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwaba yiminyaka emithathu iluxolo phakathi kwamaSirayeli nama-Aram.

2. Kambe ke kulo nyaka wesithathu uYoshafati ukumkani wakwaJuda wehla waya kubonana nokumkani wakwaSirayeli.

3. Ukumkani wakwaSirayeli wayethethe namaphakathi akhe wathi: “Niyaqonda na ukuba iRamoti yaseGiliyadi ngumhlaba wethu, ibe ke asenzi nto ukuzabalazela ukuyithatha kukumkani wama-Aram?”

4. Ngoko ke wathi kuYoshafati: “Uya kuhamba nam na, silwe neRamoti yaseGiliyadi?”UYoshafati wathi kukumkani wakwaSirayeli: “Mna nawe sibanye; abantu bam ngabantu bakho, namahashe am ngamahashe akho.”

5. Kodwa ke uYoshafati waleka ngelithi kukumkani wakwaSirayeli: “Khawuqale ubuzise *kuNdikhoyo.”

6. Ngoko ke ukumkani wakwaSirayeli wabaqokelela abashumayeli bekwisithuba samakhulu amane, wathi: “Ndingaya kulwa na neRamoti yaseGiliyadi, okanye ndirhoxe?”Bathi: “Yiya; uNdikhoyo uza kuyinikela esandleni sikakumkani.”

1 Yookumkani 22