1 Yookumkani 21:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ke kaloku lafika ilizwi likaNdikhoyo kuEliya waseTishbhi lisithi:

18. “Hamba uhlangabeze ukumkani wakwaSirayeli uAhabhi olawula eSamariya. Nanko esidiliyeni sikaNabhoti, eso asithathileyo.

19. Thetha naye, uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Ubulele na, wathatha na?” ’ Uze uthi ke kuye: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: “Kuloo ndawo zilixhaphele kuyo izinja igazi likaNabhoti, zolixhaphela kwakuyo nelakho igazi. Ewe, elakho kanye!” ’ ”

20. UAhabhi wathi kuEliya: “Uyawandifumene, lutshabandini lwam?”UEliya wathi: “Ewe, ndikufumene. Kaloku wena uzincamele ukwenza amanyondololo phambi koNdikhoyo.

21. Ngoko ke uNdikhoyo uthi: ‘Ndiza kukuzisela ububi. Ndiza kuyitshitshisa inzala yakho, kwa-Ahabhi ndiyinqamle yonke into eliduna, okhululekileyo nolikhoboka kwaSirayeli.

1 Yookumkani 21