1 Yookumkani 21:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekuhambeni kwethuba kwabakho imbambano ngenxa yesidiliya somfo waseYizereli uNabhoti. Esi sidiliya sasiseYizereli kufutshane nekomkhulu likakumkani uAhabhi waseSamariya.

2. UAhabhi wathetha noNabhoti, wathi: “Esi sidiliya sakho sikufuphi kakuhle kum; bekunganjani xa undinika sona, ukuze ndizilimele imifuno kuso? Endaweni yaso ndingakunika isidiliya esibhetele kunene kunaso, okanye ke xa uthanda ndingakuhlawula nantoni na esixabisa yona.”

3. UNabhoti waphendula wathi: “Ekho nje *uNdikhoyo, nakanye ukuba ndikunike ilifa loobawo!”

4. Ngoko ke uAhabhi wagoduka equmbe esisifu kuba uNabhoti waseYizereli ethe: “Andinako ukukunika ilifa loobawo.” Wangqengqa emandlalweni wakhe, wafulathela, engafuni nokutya oku.

5. Umkakhe uJezebhele waya kuye, wathi: “Uqumbele ntoni, sewungasafuni nokutya oku nje?”

6. Wathi: “Kungenxa yokuba ndithethe noNabhoti waseYizereli, ndathi: ‘Ndithengisele isidiliya sakho, okanye ke ndikutshintshisele ngesinye.’ Kambe ke yena uthe: ‘Andinako ukukunika isidiliya sam.’ ”

7. Umkakhe uJezebhele wathi kuye: “Asinguwe na olawulayo kwaSirayeli? Suka, wethu, phakama udle! Khululeka wonwabe! Mna ndiza kukulungiselela, usifumane esiya sidiliya sikaNabhoti waseYizereli.”

1 Yookumkani 21