1. Lithe lakufika ixesha lokunduluka kukaDavide emhlabeni, wamyalela unyana wakhe uSolomon wathi:
2. “Mna sendiza kuwushiya umhlaba. Ngoko ke wena yomelela ngokwendoda,
3. ungaphazami ukuhamba ngokwesimiso *sikaNdikhoyo uThixo wakho. Hamba endleleni yakhe, uyithobele imimiselo nemithetho yakhe, nayo yonke imigaqo nemiqathango ayimisileyo, njengoko yabhalwayo emthethweni kaMosis. Xa usenjenjalo ke, uya kuba nenkqubela kuyo yonke into oyenzayo, uphumelele naphi na apho ukhoyo.
4. Ke yena uNdikhoyo wosifezekisa isithembiso sakhe kum. Kaloku yena wathi: ‘Ukuba izizukulwana zakho zithe zaziphatha ngendlela efanelekileyo, zanyaniseka, zathembeka kum ngentliziyo yonke nangomphefumlo wonke, ngenene soze ingabikho indoda yendlu yakho kwisihlalo solawulo lwakwaSirayeli.’
5. “Ngoku ke, mfo wam, uyayazi into awandenza yona uJowabhi unyana kaZeruya, nditsho into awayenzayo kwiinjengele ezimbini zomkhosi kaSirayeli, uAbhinere unyana kaNere noAmasa unyana kaYetere. Kaloku wababulala, waliphalaza igazi labo ngexesha loxolo, kwanga kusemfazweni, wayidyobha ngalo ibhanti eyayisesinqeni sakhe neembadada ezazisezinyaweni zakhe.
6. Into omawuyenze kuye wozibonela ngokobulumko bakho, kodwa uze ungamyeki afe ngenxa yokwaluphala, aze aye engcwabeni enoxolo.
7. “Kodwa ke uze wenze ngezibele koonyana bakaBhazilayi waseGiliyadi. Bona mababe phakathi kwâbo batya kunye nawe esithebeni sakho. Kaloku babengakum ngokuya ndandibaleka umntakwenu uAbhasalom.
8. Uze ungamlibali uShimeyi unyana kaGera, umBhenjamin waseBhawurim, lowa wandishwabulela endiqalekisa kabuhlungu mhla ndandisiya eMahanayim. Wathi akuhla endihlangabeza eJordan, ndafunga uNdikhoyo ndathi andisayi kumbulala ngekrele.
9. Kodwa ke ngoku uze ungamthathi njengongenatyala. Kaloku wena ungumfo onobulumko, ngoko ke akuyi kuxakwa yinto onokuyenza kuye. Mse engcwabeni izimvi zakhe zinegazi.”
10. Ke kaloku uDavide waya kuphumla kunye nooyise-mkhulu, waza wafihlwa kwisixeko sikaDavide.
11. KwaSirayeli walawula iminyaka engamashumi amane. Yaba yiminyaka esixhenxe eHebron, yangamashumi mathathu anantathu eJerusalem.
12. USolomon ke wangena esihlalweni sikayise uDavide, lwaza ulawulo lwakhe lwazinza.
13. Ke kaloku uAdoniya, unyana kaHagiti, waya kuBhashebha, unina kaSolomon. Ke yena uBhasheba wathi: “Ngaba uza ngoxolo na?”UAdoniya waphendula wathi: “Ewe, ndiza ngoxolo.”
14. Waphinda wathi: “Kukho into endifuna ukuyithetha kuwe.”UBhashebha wathi: “Kulungile; thetha.”
15. Waqhuba uAdoniya wathi: “Njengoko usazi ulawulo yayilolwam, uSirayeli wonke ekhangele kum njengokumkani wakhe. Kodwa izinto zajika, ulawulo lwajika lwawela kumntakwethu uSolomon; nto leyo ke yamiselwa *nguNdikhoyo.
16. Kambe ke ngoku ndinasicelo sinye endifuna ukusenza kuwe; uze uncede ungasikhabi.”UBhashebha waphendula wathi: “Kulungile; thetha ndive.”
17. Waqhuba ke wathi: “Khawuncede uthethe nokumkani uSolomon; akanakwala kuwe. Ndifuna andinike uAbhishagi, intombi yomShunemi, abe ngumfazi wam.”