1 Yookumkani 19:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uAhabhi waxelela umkakhe uJezebhele ngako konke awayekwenzile uEliya, nendlela ababulele ngayo abashumayeli bakaBhali ebaqhushek' ikrele.

2. Ngoko ke uJezebhele wathumela kuEliya esithi: “Mabandohlwaye oothixo, nokuba kuqatha kangakanani na, ukuba lide lafika ingomso ungekabi njengabo abo bashumayeli bakaBhali.”

3. Akuluva olo daba uEliya woyika, wabaleka, esindisa ubomi bakhe. Uthe akufika eBheshebha kwelakwaJuda, walishiya khona ihlakani lakhe.

1 Yookumkani 19