1 Yookumkani 16:32-34 Ibhayibhile (XHO96)

32. Wenzela uBhali iqonga lamadini kwisibingelelo awamakhela sona eSamariya.

33. UAhabhi wamisela isibonda esifanekisa uAshera, waza ngokwenjenjalo wawuxhokonxa umsindo kaNdikhoyo uThixo kaSirayeli, nto leyo yamenza wabalasela ekuqumbiseni uNdikhoyo kunabo bonke ookumkani bakwaSirayeli ababengaphambi kwakhe.

34. Ngexesha lika-Ahabhi uHiyeli waseBhetele waphinda wayivusa iJeriko. Iziseko zayo zamenza walahlekelwa ngunyana wakhe wamazibulo uAbhiram, kanti ke xa amisa amasango ayo walahlekelwa ngunyana wakhe omnci uSegubhi. Yonke loo nto yenzeka ngokomlomo kaNdikhoyo kuYoshuwa unyana kaNune.

1 Yookumkani 16