1 Yookumkani 16:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uYehu unyana kaHanani wafikelwa lilizwi *likaNdikhoyo ngokubhekiselele kuBhayesha. Lalisithi:

2. “Ndakuphakamisa eluthulini, ndakwenza inkokheli yabantu bam amaSirayeli. Kambe ke wena suka wangena ekhondweni likaJerobhowam, wabalukuhlela esonweni abantu bam amaSirayeli. Ezo zono ke ziwuxhokonxile umsindo wam.

1 Yookumkani 16