Umbuso ndawukrazula kwindlu kaDavide, ndawunikela kuwe. Kambe ke wena awuziphathanga njengesicaka sam uDavide. Yena wayeyithobela imithetho yam, endilandela ngomxhelo wakhe uphela, kuphela esenza oko kundikholisayo.