12. Yiva ke, ndikucebise, ukuze usinde, usindise nobomi bonyana wakho uSolomon.
13. Yiya kukumkani uDavide, uthi kuye: ‘Mhlekazi, kumkani, kanene wawungafunganga kum wathi: “Ngenene unyana wakho uSolomon woba ngukumkani emva kwam, angene esihlalweni sam”? Ngani ke ngoku kungene uAdoniya abe ngukumkani?’
14. Ke kaloku uya kuthi usathetha njalo nokumkani, nam ndingene ndikungqinele kuloo nto uyithethayo.”
15. Ngenene ke wangena uBhashebha, waya kuyibona ingwevu leyo ingukumkani, isegumbini layo lokulala, apho yayihleli noAbhishagi umShunemikazi eyilungiselela.
16. UBhashebha wavova, waguqa phambi kokumkani.Ukumkani wathi: “Kukho nto na uyifunayo?”
17. Ke kaloku waphendula wathi: “Mhlekazi, andithi kanene nguwe ngokwakho owafungayo apha kum, mna sicakazana sakho, wabhambathisa *ngoNdikhoyo uThixo wakho usithi: ‘USolomon unyana wakho uya kuba ngukumkani esikhundleni sam, angene esihlalweni sam’?
18. Kodwa ke ngoku nanko uAdoniya engukumkani ngaphandle kwakho, mhlekazi kumkani, wena ungazi nto ngaloo nto.
19. Wenze idini ngentaphane yeenkomo, amathole atyetyisiweyo, neegusha. Futhi ubamemile noonyana bakho, kunye nombingeleli uAbhiyatare nenjengele yomkhosi uJowabhi. Kambe ke akammemanga uSolomon isicaka sakho.
20. Kambe ke, mhlekazi kumkani, uSirayeli ewonke ujonge kuwe, ulindele ukuva ngawe ukuba ngubani na oza kungena ahlale esikhundleni sakho emva kwakho.
21. Kungenjalo ke, mhlekazi, uya kuthi nje ukuba ufe ulaliswe nooyihlo, mna nonyana wam uSolomon siphathwe njengabangcatshi.”
22. Uthe esathetha nokumkani njalo, wagaleleka umshumayeli uNatan.