1 Yookumkani 1:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke ukumkani uDavide wayeyindoda eyalupheleyo, iminyaka yakhe seyihambile. Wayekhathazwa kukugodola, kuba wayengafudumali noba selefunjelwe ngeengubo ezininzi.

2. Ke kaloku amaphakathi akhe athetha naye athi: “Masikukhangelele intombi nto, mhlekazi, ukuze ikulungiselele ikonge, ilale kufuphi nawe, ufudumale, mhlekazi.”

3. Behla benyuka ke apho kwaSirayeli, bekhangela loo nzwakazi, bada ke bafumana uAbhishagi umShunemikazi. Bamthatha ke, bamzisa apho kukumkani.

4. Intombi le ke yayiyinzwakazi ecikizekileyo. Yamonga ke ukumkani, yamlungiselela, kambe ke yena ukumkani zange ayambathe.

5. Ke kaloku uAdoniya, unyana kakumkani, onina yayinguHagiti, wazigqatsa wathi: “Ndiza kuba ngukumkani.” Wazilungiselela iinqwelo namahashe, kananjalo wandulelwa ngamashumi amahlanu amadoda. (

1 Yookumkani 1