1 Yeziganeko 9:2-17 Ibhayibhile (XHO96)

2. Abokuqala ababuya ekuthinjweni bangena balanda ilifa labo ngamaSirayeli athile, nababingeleli, nabaLevi, nabasebenza endlwini kaThixo.

3. Bekukho abendlu kaJuda, nabendlu kaBhenjamin, nabendlu kaEfrayim nekaManase ababehlala eJerusalem.

4. Nazi iinkulu zabendlu kaJuda ababehlala eJerusalem: Kwinzala kaPereze, unyana kaJuda, inkulu ngu-Utayi, unyana ka-Amihudi, unyana kaOmri, unyana kaImri, unyana kaBhani.

5. Kwindlu kaShela inkulu nguAsaya izibulo, noonyana bakhe.

6. Kwindlu kaZera inkulu nguJeweli. Bebonke abantu bendlu yakwaJuda babengamakhulu amathandathu anamashumi alithoba.

7. Nazi iinkulu zamaBhenjamin awayehlala eJerusalem: nguSalu kaMeshulam kaHodaviya kaHasenuwa;

8. uIbheneya kaJeroham; uEla kaUzi kaMikri; noMeshulam kaShefatiya kaRuweli kaIbheniya.

9. La madoda ke ayeziinkulu zezindlu zakowawo. Ewonke la maBhenjamin ayengamakhulu alithoba anamashumi amahlanu anantandathu.

10. Naba ababingeleli ababehlala eJerusalem: nguYedaya, uJoyaribhi, uJakin,

11. uAzariya kaHilekiya kaMeshulam kaZadoki kaMerayoti ka-Ahitubhi, owayeligosa elikhulu lendlu kaThixo,

12. uAdaya kaJehoram kaPashure kaMalekiya, noMasayi ka-Adiyeli kaYazera kaMeshulam kaMeshilemiti kaImere.

13. Ababingeleli ababeziinkulu zezindlu babeliwaka elinamakhulu asixhenxe anamashumi amathandathu. Babeziingcungela kumsebenzi wendlu kaThixo.

14. Naba abaLevi ababehlala eJerusalem: nguShemaya kaHashubhi ka-Azerikam kaHashabhiya, wendlu kaMerari,

15. uBhakebhakare, uHerese, uGalali, uMataniya kaMika kaZikri ka-Asafu,

16. uObhadiya kaShemaya, kaGalali kaJedutun, noBherekiya ka-Asa kaElikana, owayehlala kwiilali zamaNetofa.

17. Naba abagcini-masango bendlu kaThixo ababehlala eJerusalem: nguShalum, noAkubhi, noTalmon, noAhiman, nabantakwabo. Intloko yabo ibinguShalum.

1 Yeziganeko 9