25. UEfrayim wazala nonyana onguRefa. URefa lo wazala uReshefe, uReshefe wazala uTela, uTela wazala uTahan,
26. uTahan wazala uLadan, uLadan wazala uAmihudi, uAmihudi wazala uElishama,
27. uElishama wazala uNune, uNune wazala uYoshuwa.
28. Umhlaba abema kuwo oonyana bakaEfrayim yiBhetele namaphandle ayingqongileyo. Ngasempumalanga umda ubuma ngeNaran, ngasentshona ume ngeGezere neelali eziyingqongileyo, uye kutsho naseShekem neelali zakhona, naseAya neelali zakhona.