1 Yeziganeko 6:64-71 Ibhayibhile (XHO96)

64. Ke ngoko amaSirayeli anika abaLevi ezi dolophu zikhankanyiweyo zinamadlelo azo.

65. Kwizizwe zakwaJuda, nakwaSimon, nakwaBhenjamin bazifumana ngamaqashiso.

66. Ke izindlu ezithile zamaKohati zanikwa iidolophu ezinamadlelo esizweni sakwaEfrayim.

67. Kwiintaba zakwaEfrayim banikwa iShekem (eyayisisixeko sokuphephela), neGezere,

68. neYokemeham, neBhete-horon,

69. neAyalon, neGati-rimon.

70. Ke zona izindlu eziseleyo zamaKehati zanikwa iAnere neBhileham namadlelo azo esiqingatheni sesizwe sakwaManase.

71. AmaGershon wona abelwa ngolu hlobo: Kwisiqingatha sesizwe sakwaManase anikwa iGolan yaseBhashan neAshtaroti, zinamadlelo azo.

1 Yeziganeko 6