1 Yeziganeko 5:23-26 Ibhayibhile (XHO96)

23. Isiqingatha sesizwe sakwaManase sande saba ngabantu abaninzi. Imida yabo ibithabathele eBhashan, ise eBhali-hermon, naseSenire, nasentabeni yeHermon.

24. Nazi iintloko zezindlu: nguHefere, uIshi, uEliyeli, uAzeriyeli, uJeremiya, uHodaviya, noYadiyeli. Babengamagorha anobukroti, amadoda anegama, eziintloko zezindlu zakumawawo.

25. Kambe ke amaRubhen namaGadi, nesiqingatha sesizwe sakwaManase zange athembeke kuThixo wooyise, koko amlahla akhonza *oothixo bezizwe zelo zwe, ezo uThixo wazitshabalalisayo ukuze angene endaweni yazo.

26. Ke ngoko uThixo kaSirayeli wawuxhokonxa umoya kaPuli ukumkani waseAsiriya (lo ukwabizwa ngokuba nguTigelate-pilezere) wazifudusa ezi zizwe, wazisa eHala, naseHabhore, naseHara, nasemlanjeni iGozan, apho zisekhona unanamhla.

1 Yeziganeko 5