1 Yeziganeko 4:40-43 Ibhayibhile (XHO96)

40. Bafumana amadlelo atyebileyo amahle, ethe thabalala. Elo lizwe lalizolile, lonwabile. Kudala kwakumi amaHam apho.

41. Ngemihla kakumkani uHezekiya wakwaJuda la madoda akhankanyiweyo afika awahlasela amaHam ezindlwini zawo, kwakunye namaMehun awayelapho, aza awatshabalalisa kwaphela, njengoko kusenjalo nangoku. Ahlala ezikhundleni zawo ke, kuba amadlelo alapho ebeyifanele impahla yawo.

42. Kuwo la maSimon kwaphuma amadoda angamakhulu amahlanu, aya kuhlasela eleentaba lase-Edom. Ayephantsi koPelatiya, noNehariya, noRefaya, noUziyeli, oonyana bakaIshi.

43. Baxabela amasalela ama-Amaleki awayesindile, baza bahlala khona unanamhla.

1 Yeziganeko 4