20. Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.
21. Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,
22. noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.
23. Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.
24. Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.
25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.
26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.