1 Yeziganeko 4:20-26 Ibhayibhile (XHO96)

20. Naba oonyana bakaShimon: nguAmnon, uRina, uBhen-rhanana, noTilon. Oonyana bakaIshi ngooZoyeti noBhen-zoyeti.

21. Oonyana bakaShela, unyana kaJuda, nguEre ukhokho weLeka, noLada ukhokho weMaresha, nezindlu zabasebenza ilineni eBhete-ashbheya,

22. noYokim, nabemi baseKozebha, noYowashe, noSarafe, ababeziziphathamandla eMowabhi naseYashubhi-lehem. Ke ezi zizinto zakudala.

23. Babengababumbi bezinto zomdongwe. Babehlala nokumkani eNetayim naseGedera, bemsebenzela.

24. Naba oonyana bakaSimon: nguNemuweli, noJamin, noYaribhi, noZera, noShawule.

25. UShawule wazala uShalum, uShalum wazala uMibhesam, uMibhesam wazala uMishma.

26. Ke uMishma wazala uHamuweli, uHamuweli wazala uZakure, uZakure wazala uShimeyi.

1 Yeziganeko 4