10. UYabeze lo wazibika kuThixo wakwaSirayeli, wathi: “Ngamana wandithamsanqelisa, wawandisa umhlaba wam. Nceda ube nam, undikhusele ebubini, ukuze ndingafi yintlungu.” Ke uThixo wamenzela loo nto ayicelileyo.
11. UKelubhi, umntakwabo-Shuwa, wazala uMeyire, uyise kaEshton.
12. UEshton wazala uBhete-rafa, noPaseha, noTehina, ukhokho weIre-nahashe. Yinzala yala madoda ke emi eReka.
13. Oonyana bakaKenazi nguOteniyeli noSeraya. UOteniyeli wazala uHatati [noMeyonotayi],
14. uMeyonotayi wazala uOfra. Ke uSeraya wazala uJowabhi, ukhokho weGeharashim, eyabizwa ngeli gama kuba abantu balapho babeziingcibi.
15. Oonyana bakaKalebhi, unyana kaYefune, nguIru, noEla, noNaham. Unyana kaEla nguKenazi.
16. Naba oonyana bakaYehaleleli: nguZifi, uZifa, uTiriya, noAsareli.