1. Naba oonyana abathandathu bakaDavide abazalelwa eHebron ngokuzana kwabo: uAmnon onina inguAhinowam waseYizereli; uDaniyeli onina inguAbhigeli waseKarmele;
2. uAbhasalom ozalwa nguMahaka, intombi kaTalmayi ukumkani waseGeshuri; uAdoniya ozalwa nguHagiti;
3. uShefatiya onina inguAbhitali; noItram onina inguEgla.
4. Bobathandathu aba bazalelwa eHebron, apho uDavide wayelawula khona iminyaka esixhenxe eneenyanga ezintandathu.Emva koko uDavide waba neminyaka emashumi mathathu anantathu elawula eJerusalem