1 Yeziganeko 28:12-15 Ibhayibhile (XHO96)

12. Wamnika iplani yako konke awayekuthweswe nguMoya mayela neenkundla zendlu kaNdikhoyo namagumbi ayiphahlileyo, oovimba bendlu kaThixo kunye noovimba bezinto ezinikezelwe kuThixo.

13. Wamyala ngezigaba zababingeleli nabaLevi nangawo wonke umsebenzi wokulungiselela endlwini kaNdikhoyo, nangokuphathelele kwizinto ezisetyenziswayo apho ekulungiseleleni endlwini kaNdikhoyo.

14. Wabumisa nobunzima begolide eya kusetyenziswa kuyo nayiphi na into eyenziwa ngayo, ngokunjalo nobunzima besiliva kuzo zonke izinto ezaziza kwenziwa ngayo.

15. Ubunzima begolide yeziphatho-zibane, neyezibane, ubunzima begolide yesiphatho-sibane ngasinye nezibane zaso, nobunzima besiliva kuso ngasinye isiphatho sibane esenziwe ngesiliva kunye nezibane zaso, ngokomsebenzi wesiphatho-sibane eso;

1 Yeziganeko 28