1 Yeziganeko 27:4-16 Ibhayibhile (XHO96)

4. inyanga yesibini: nguDodayi umAhohi, osekela lakhe belinguMikeloti;

5. inyanga yesithathu: nguBhenaya unyana wombingeleli uJoyada

6. owayeyinkokheli yeqela lamagorha angamashumi amathathu – isekela lakhe belingunyana wakhe uAmizabhedi;

7. inyanga yesine: nguAsayeli umninawa kaJowabhi, owalandelwa ngunyana wakhe uZebhadiya;

8. inyanga yesihlanu: nguShamuti umIzare;

9. inyanga yesithandathu: nguIra unyana kaIkeshe waseTekowa;

10. inyanga yesixhenxe: nguHeleze umEfrayim wasePelon;

11. inyanga yesibhozo: nguSibhekayi umZera waseHusha;

12. inyanga yethoba: nguAbhiyezere umBhenjamin waseAnatoti;

13. inyanga yeshumi: nguMarayi umZera waseNetofa;

14. inyanga yeshumi elinanye: nguBhenaya umEfrayim wasePiraton;

15. inyanga yeshumi elinambini: nguHeledayi waseNetofa oyinzala kaOteniyeli.

16. Nazi izibonda zezizwe zakwaSirayeli:kwaRubhen yayinguElizere unyana kaZiki;kwaSimon yayinguShefatiya unyana kaMahaka;

1 Yeziganeko 27