1. Nazi iintloko zamaqela abagcini-masango endlu kaThixo: KumaKora yayinguMeshelemiya unyana kaKore wendlu ka-Asafu.
10-11. KumaMerari yayinguHosa noonyana bakhe abane: uShimri, noHilekiya, noTebhaliya, noZekariya. UShimri wamiselwa ubukhulu nguyise nakuba wayengelozibulo. Kwinzala nezizalwane zikaHosa abagcini-masango kwindlu kaThixo babelishumi elinantathu.