29. koonyana bakaKishe nguJerameli,
30. koonyana bakaMushi nguMali, noEdere, noJerimoti.Abo ke ngabaLevi ngokwezindlu zabo.
31. Nabo benza *amaqashiso kwanjengabantakwabo abayinzala ka-Aron, ekho nokumkani uDavide, uZadoki, uAhimeleki, neenkulu zezindlu zababingeleli nezabaLevi. Izindlu zâbo baziinkulu zaziphathwa ngokufanayo nezo zâbo baziinci.