1 Yeziganeko 24:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Oonyana baka-Aron babahlulwa-hlulwe kanje: Naba oonyana baka-Aron: uNadabhi, uAbhihu, uEliyazare, noItamare.

2. Kambe ke yena uNadabhi noAbhihu basweleka bengenanyana kwangaphambi kokusweleka kukayise. Ngoko ke ababingeleli yaba nguEliyazare noItamare.

3. UDavide wancediswa nguZadoki, owayeyinzala kaEliyazare, kunye noAhimeleki, owayeyinzala kaItamare; baza ke babahlula-hlula bangamaqela okulungiselela ngezigaba ezimisiweyo.

4. Kwafumaneka iqela elikhulu kwinzala kaEliyazare kunelo lafumaneka kwinzala kaItamare, baza ke bahlulwa-hlulwa ngokunjalo: Yaba ziinkulu ezilishumi elinesithandathu kwinzala kaEliyazare, yaziinkulu ezisibhozo kwinzala kaItamare.

5. Babahlula-hlula ngendlela engenaxanasi ngokwenza *amaqashiso, kuba kaloku kwakukho amagosa esibingelelo namagosa ezakwaThixo kuzo zozibini izizukulwana zikaEliyazare nezo zikaItamare.

26-27. koonyana bakaMerari nguMali noMushi,koonyana bakaYaziya, unyana kaMerari, nguBheno, noShoham, noZakure, noHibri,

1 Yeziganeko 24