18. Inkulu yoonyana bakaIzare nguShelomiti.
19. Inkulu yoonyana bakaHebron abane nguTeriya, ibe nguAmariya, noYaziyeli, noYekamam.
20. Koonyana baka-Aziyeli nguMika inkulu, ibe nguIshiya owesibini.
21. Oonyana bakaMerari nguMali noMushi. Oonyana bakaMali nguElazare noKishe.
22. UElazare wafa engenanyana, eneentombi zodwa, zaza zathathwa ngamawabo oonyana bakaKishe.
23. Oonyana bakaMushi bathathu: nguMali, noEdere, noYeremoti.
24. Ezi ke yayizizizukulwana zikaLevi ngokwezindlu zazo – iinkulu zezindlu ngokwamagama okubhaliswa kwazo zibalwa ngazinye, abasebenzi abaminyaka imashumi mabini nangaphezulu, abo babelungiselela endlwini kaNdikhoyo.
25. Kaloku uDavide wathi: “Ngoku uNdikhoyo uThixo kaSirayeli ubanike ukuphumla abantu bakhe; yena ke uya kusoloko ehlala ehleli eJerusalem.