3. Wakhupha nento eninzi yentsimbi yokwenza izikhonkwane zeengcango zamasango nezokubethelela, kananjalo nobhedu olubunzima bungenamlinganiselo.
4. Wakhupha nenyambalala yezikhuni zomsedare; kaloku zona uDavide wayeziphiwe zazininzi gqitha ngamaSidon namaTire.
5. UDavide wathi: “Umfana wam uSolomon usemncinci, engekabi nawo namava, ibe ke yona le ndlu *kaNdikhoyo eza kwakhiwa kufuneka ibe lipomakazi eliyimbalasane, uduma-kude ngobunewu-newu nakuzo zonke izizwe. Ngoko ke ndiza kuwenza amalungiselelo okwakhiwa kwayo.” Ewe, uDavide wawenza ngokubanzi amalungiselelo lawo kwangaphambi kokusweleka kwakhe.
6. UDavide wathetha nonyana wakhe uSolomon, wamyalela ukuba akhele uNdikhoyo uThixo kaSirayeli indlu.
7. Wathi apho kuSolomon: “Mfo wam, ndandizimisele ukulakhela indlu igama *likaNdikhoyo uThixo wam.