1 Yeziganeko 22:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Ngoko ke ngoku, nyana wam, ngamana wanawe uNdikhoyo; ngamana waphumelela ekuyakheni indlu kaNdikhoyo uThixo wakho, nanjengoko wayethe uya kuyakha.

12. UNdikhoyo ngamana wakupha ingqiqo nokuqonda xa ekufaka ukuba wongamele uSirayeli, khon' ukuze uwuthobele umthetho kaNdikhoyo uThixo wakho.

13. Ewe, uya kuba nempumelelo xa uthe wanenyameko wayinonophela imimiselo nemithetho leyo uNdikhoyo wayinikezela uSirayeli ngoMosis. Yomelela ukhaliphe; uze ungoyiki utyhafe!

14. “Amalungiselelo ndiwenze ngenyameko, ndilungiselela ukwakhiwa kwendlu kaNdikhoyo. Ndiqokelele iitoni zegolide ezingaphezu kwamawaka amathathu anamakhulu amane, kunye neetoni zesiliva ezingaphezu kwamashumi amathathu anesine amawaka, ukuze kwakhiwe indlu leyo, kwakunye nentaphane yobhedu, kunye nentsimbi ebunzima bungenamlinganiselo, ngokunjalo nemithi namatye. Nawe ke ungazongeza ezo zinto.

1 Yeziganeko 22