1 Yeziganeko 21:18-22 Ibhayibhile (XHO96)

18. Isithunywa sikaNdikhoyo sathetha noGadi, sathi makaye kuxelela uDavide ukuba makakhele uNdikhoyo iqonga lamadini kwesiya sanda sokubhula sika-Aravena umJebhusi.

19. Ngoko ke uDavide waya ngokwelo lizwi lalithethwe nguGadi egameni likaNdikhoyo.

20. Uthe esabhula ingqolowa uAravena waguquka, wabona isithunywa sikaThixo, baza oonyana bakhe abane ababekunye naye bazimela.

21. Wathi akuvela uDavide, uAravena wambona, waza wemka apho esandeni sokubhula, wamhlangabeza, wakhahlela ejongise ubuso emhlabeni phambi koDavide.

22. UDavide wathi kuye: “Ndinike lo mhlaba sikuwo esi sanda sokubhula, ukuze ndakhele uNdikhoyo iqonga lamadini, khon' ukuze isibetho sikabhubhani sinqamke ebantwini. Ndithengisele wona ngexabiso lawo.”

1 Yeziganeko 21