4. Ekuhambeni kwethuba amaSirayeli alwa namaFilistiya eGezere. Ngelo thuba ke uSibhekayi umHusha wabulala uSipayi ongomnye wenzala kaRafa; aza ke amaFilistiya oyiswa.
5. Kwelinye idabi namaFilistiya uEl-hanani, unyana kaJayire, wabulala uLami owayengumntakwabo-Goliyati umGati, lowa wayenomkhonto ongangesibonda.
6. Kanti ke kwelinye idabi elaliwa eGati, kwakukho ingxilimbela yomfo otsho ngeminwe emithandathu ezandleni zozibini nasezinyaweni zombini, ingamashumi amabini anesine iyonke. Naye wayeyinzala kaRafa.
7. Wathi esahlekisa ngamaSirayeli wasuka wabulalwa nguJonatan unyana kaShimeya umntakwabo-Davide.
8. Esi ke yayisisizukulwana sikaRafa eGati. Kambe ke bawela ezandleni zikaDavide nomkhosi wakhe.