26. UJerameli ebenomnye umfazi ogama linguAtara, owayengunina kaOnam.
27. Oonyana bakaRam, amazibulo kaJerameli, nguMazi, noTamin, noEkere.
28. Oonyana bakaOnam nguShamayi noYada. Oonyana bakaShamayi nguNadabhi noAbhishure.
29. Umka-Abhishure nguAbhihayili owazala uAbhan noMolidi.
30. Oonyana bakaNadabhi nguSelede noApayim. USelede wafa engenamntwana.
31. Unyana ka-Apayim nguIshi, uyise kaSheshan owazala uAlayi.
32. Oonyana bakaYada, umntakwabo-Shamayi, nguYetere noJonatan. UYetere wafa engenamntwana.
33. Oonyana bakaJonatan nguPelete noZaza. Bonke aba ke yinzala kaJerameli.
34. USheshan ebengenanyana; ibiziintombi zodwa. Ebenesicaka esingumJiputa esigama linguYar-ha.
35. Ke uSheshan wendisela intombi yakhe kwisicaka sakhe uYar-ha yaza yazala uAtayi.
36. UAtayi wazala uNatan, uNatan wazala uZabhadi,
37. uZabhadi wazala uEflali, uEflali wazala uObhedi,
38. uObhedi wazala uYehu, uYehu wazala uAzariya,